Folk Tale

Impungutye nonomyayi

Translated From

The fox and the crow

LanguageEnglish

Other Translations / Adaptations

Text titleLanguageAuthorPublication Date
Die jakkals en die kraaiAfrikaans__
De vos en de kraaiDutchMaarten Janssen_
Nhlati na wukuwukuTsonga__
Phokojwe le lekgwabaSouthern Sotho__
Phokojwe le legakabeTswana__
Impungushe negwababaZulu__
Phukubje le legokobuPedi__
Imphisi nelihhwabayiSwati__
Fokhisi na funguvhuVenda__
IPungutjha kanye negwababaSouth Ndebele__
ATU57
LanguageXhosa
OriginGreece

UMnumzana uReynard impungutye wabona unomyayi ebhabha neqhekeza lesonka samasi elithe chu ngomlomo wakhe waza wathi ngcu kwisebe lomthi.

"Lelam, kaloku ndiyimpungutye mna," watsho uMnumzana uReynard, ehamba esiya ezantsi esikhondweni somthi.

“Molo, Nkosazana Nomyayi,” wakhwaza. “Akumhle kangako namhlanje; iintsiba zakho ziyakhazimla; amehlo akho aqaqambile. Ndiqinisekile ukuba ilizwi lakho limnandi ngaphezu kwazo zonke iintaka. Makhe ndive ingoma enye kuphela kuwe, ukuze ndikubize ngokuthi unguKumkanikazi weeNtaka.”

Unomyayi, owayengakwazi kucula kakuhle waphakamisa intloko yakhe waza waqalisa ukwenza isikhalo soonomyayi ezama kangangoko anako, kodwa uthe xa evula umlomo lawa phantsi iqhekeza lesonka samasi, waza uMnumzana uReynard walichola kwangoko.

“Undincedile,” watsho. “Nantso into ebendiyifuna.”

Wajonga phezulu kunomyayi, wathi: “Ngenxa yokuba undinike iqhekeza lesonka samasi mandikucebise ndenjenje ukwenzela ixesha elizayo: ‘ungabokubathemba abantu abakuncoma kakhulu.”


Text view