trans-9177

Impungutye nonomyayi

ATU57
LanguageXhosa
OriginGreece

UMnumzana uReynard impungutye wabona unomyayi ebhabha neqhekeza lesonka samasi elithe chu ngomlomo wakhe waza wathi ngcu kwisebe lomthi.

"Lelam, kaloku ndiyimpungutye mna," watsho uMnumzana uReynard, ehamba esiya ezantsi esikhondweni somthi.

“Molo, Nkosazana Nomyayi,” wakhwaza. “Akumhle kangako namhlanje; iintsiba zakho ziyakhazimla; amehlo akho aqaqambile. Ndiqinisekile ukuba ilizwi lakho limnandi ngaphezu kwazo zonke iintaka. Makhe ndive ingoma enye kuphela kuwe, ukuze ndikubize ngokuthi unguKumkanikazi weeNtaka.”

Unomyayi, owayengakwazi kucula kakuhle waphakamisa intloko yakhe waza waqalisa ukwenza isikhalo soonomyayi ezama kangangoko anako, kodwa uthe xa evula umlomo lawa phantsi iqhekeza lesonka samasi, waza uMnumzana uReynard walichola kwangoko.

“Undincedile,” watsho. “Nantso into ebendiyifuna.”

Wajonga phezulu kunomyayi, wathi: “Ngenxa yokuba undinike iqhekeza lesonka samasi mandikucebise ndenjenje ukwenzela ixesha elizayo: ‘ungabokubathemba abantu abakuncoma kakhulu.”


Download XMLDownload textStory